@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

I-Kaizer Chiefs ibethe i-Supersport United ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo weDstv premiership obudlalelwa ePeter Mokaba Stadium ngalenjikalanga.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Inkundla kamantyi eAtamelang, eMntla Ntshona ilimisile ityala lokubulawa kuka Manana Ditsebe liqabane lakhe elineminyaka engamashumi amane.

Iindabazethu: youtu.be/_YqTRYWGJZw

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Urhulumente wase-Mpuma Koloni uyavuma ukuba iliqela imingeni ejongene neliphondo, kodwa nangona kunjalo mkhulu umgama osele uhanjiweyo.

Iindabazethu: youtu.be/2eat4hC_GRA

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Unozinti weMamelodi Sundowns uRonwen Williams uthi iqela lakhe lizilungiselele ukuyinqunqela egoqweni i-Esperance. I-Sundowns izakudlala umlenze wesibini we-CAF Champions League ne-Esperance yase Tunisia ngomso.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Zilungiselela umngcwabo iintsapho zamalungu amaxhoba abhubha kwingozi yebhasi neyantlitheka ze yatsha kwibhulorho iMamatlakala eLimpopo kwindlela eyayisiya kwinkonzo yepasika eMoria.

Iindabazethu: youtu.be/EddqA9OvJsU

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Kukho abavakalise ukungaxoli yimeko yeli ngethuba umongameli Cyril Ramaphosa esenza intetho yakhe kumsitho wokuqaphela usuku lwenkululeko yeli.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Iqela le-Inkatha Freedom Party ligaye inkxaso yonyulo KwaDumisa kumazantsi ephondo laKwaZulu-Natal namhlanje.

Iindabazethu: youtu.be/DBjSRdX441U

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni igxeke kabukhali ibhodi elawula utywala kweliphondo ngokukhupha ilayisenisi zeendawo ezithengisa utywala ngaphandle kwezicwangciso zoku zibeka phantsi kweliso elibukhali.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Njengoko ilizwe liphawula usuku lwenkululeko, likwaqaphela nendima esele ihanjiwe ukusukela ngonyaka ka-1994. Nakubeni zininzi izinto ezenziweyo usekho umsantsa ovulekileyo.

Iindabazethu: youtu.be/2eat4hC_GRA

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Umqeqeshi weSundowns uRhulani Mokwena uthi iqela lakhe liqule laligangatha ukulungiselela umdlalo wangomso womlenze wesibini we-semifinal yendebe iCAF Champions League ne-Esperance yase Tunisia.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Umongameli weli umnumzana Cyril Ramaphosa esenza intetho yakhe kumsitho wokuqaphela inkululeko yeli yeminyaka engamashumi amathathu kwizakhiwo zomdibaniso ePitoli.

Iindabazethu: youtu.be/joUkru56JE0

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Igodusiwe imizimba yamaxhoba engozi yebhasi eyenzeka eLimpopo ngePasika. Lebhasi yayithwele abemi baseBotswana ababesingise kwinkonzo yepasika eMoria ngethuba isothuleka kwibhulorho iMmamatlakala zeyagutyungelwa ngumlilo.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Lungene kusuku lwesithathu ugwayimbo lwabaqhubi benkampani i-Bolt, Uber ne-Indrive kwisikhululo seenqwelo-moya eKapa.

Iindabazethu: youtu.be/DBjSRdX441U

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Inkulubaphathiswa yephondo iMpuma Koloni umnumzana Oscar Mabuyane uthi inkululeko yeli yeza notshinstho olukhulu kubantu beliyaphondo. UMabuyane ukuthethe oku kumsitho wokuqhaphela iminyaka engamashumi amathathu enkulukeko yeli.

| |

account_circle
@IindabaZethu(@iindabazethu) 's Twitter Profile Photo

Ayangcwatywa namhlanje amaxhoba engozi yebhasi eyenzeka eLimpopo. Lengozi yasuba imiphefumlo yabantu abangamashumi amane anesihlanu nababesuka eBotswana besiya enkonzweni yepasika eMoria.

| |

account_circle